10. Ke amadoda kaHiram nalawo kaSolomon eza negolide eOfire, kunye nomthi wom-algumi namatye exabiso.
11. Ngaloo mthi wom-algumi ke ukumkani wenza amanqwanqwa okungena endlwini kaNdikhoyo nakwibhotwe lakhe, waza ngenxalenye yawo wenzela iimvumi iihapu nemirhubhe. Ezinjalo zazingazange zabakho kwaJuda.
12. Ukumkani uSolomon wanika ukumkanikazi waseShebha konke awayekunqwenela nawayekucela; wamnika nangaphezu kwezinto awayeze nazo kuye. Ke ukumkanikazi lowo ekunye namaphakathi akhe bajika babuyela kwelakowabo.
13. Minyaka le ukumkani uSolomon wayefumana igolide ebunzima bukwisithuba samashumi amabini anantathu amawaka eekhilogram,
14. ngaphandle kwengeniso eyayisiza nabarhwebi nabashishini. Kananjalo ookumkani belama-Arabhu nabalawuli belizwe elo baberhuma ngegolide nesiliva kuSolomon.