8. Kwakhona wenza neetafile zalishumi, wazifaka apho endlwini kaThixo, ezintlanu ngasezantsi, ezintlanu ngasentla. Kananjalo wenza neendebe zegolide zokufefa zalikhulu.
9. Waza ke wenza nenkundla yababingeleli, kunye nenkundla enkulu, neengcango zenkundla. Zona wazityabeka ngobhedu.
10. Ichibi elo walibeka kumazantsi-mpuma endlu kaThixo.
11. Kananjalo wenza iimbiza, iifotsholo, nezitya zokufefa.Ngoko ke uHuram wawugqiba umsebezi awayewenzela ukumkani uSolomon endlwini kaThixo:
12. Yayiziintsika ezimbini;iintloko ezimbini ezibusitya zezo ntsika;amatyathanga alukiweyo amabini ahombise ezo ntloko zimbini zezo ntsika;
13. iirharnati ezimakhulu mane ziyimiqolo emibini ethe nca kwityathanga ngalinye elilukiweyo elihombise ezo ntloko zibusitya zeentsika ezo;
14. izixhaso nezitya zazo;