7. Wenza neziphatho zezibane zegolide ezilishumi, ezenza ngokwemilinganiselo yazo; waza ke wazibeka apho endlwini kaThixo. Isihlanu sazo wasibeka kwicala langezantsi, waza esinye isihlanu wasibeka kwicala langasentla.
8. Kwakhona wenza neetafile zalishumi, wazifaka apho endlwini kaThixo, ezintlanu ngasezantsi, ezintlanu ngasentla. Kananjalo wenza neendebe zegolide zokufefa zalikhulu.
9. Waza ke wenza nenkundla yababingeleli, kunye nenkundla enkulu, neengcango zenkundla. Zona wazityabeka ngobhedu.