2 Yeziganeko 35:25-27 Ibhayibhile (XHO96)

25. Ke kaloku uJeremiya waqamba izililo ngoJosiya. Unanamhla ke zonke iimvumi, amadoda nabafazi, bahlabela ezo zililo xa bekhumbula uJosiya. Zona ke zada zasisithethe kwaSirayeli, zabhalwa kwiNcwadi yesiJwili.

26. Ke kaloku ezinye zeziganeko zolawulo lukaJosiya, kwanemisebenzi yakhe yokuzinikezela njengoko kubhaliweyo encwadini yomthetho kaNdikhoyo,

27. nazo zonke iziganeko zolawulo lwakhe, ukusukela ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli nabakwaJuda.

2 Yeziganeko 35