2 Yeziganeko 34:32-33 Ibhayibhile (XHO96)

32. Kananjalo wonke umntu eJerusalem nakwaBhenjamin wathi makazibophelele kuwo. Ke abemi baseJerusalem bayenza le nto ngokomnqophiso kaThixo, nditsho uThixo wooyise.

33. Kuwo wonke ummandla wakwaSirayeli uJosiya wazisusa izithixo ezingamasikizi, waza onke amaSirayeli wathi makakhonze uNdikhoyo uThixo wawo. Ngethuba lokudla kwakhe ubomi amaSirayeli zange ajike ekumlandeleni uNdikhoyo uThixo wooyise.

2 Yeziganeko 34