2 Yeziganeko 33:22-25 Ibhayibhile (XHO96)

22. KwanjengoManase uyise naye wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. UAmon wayeyenzela amadini ayinqule yonke imifanekiso eyayenziwe nguyise uManase.

23. Yena zange azithobe phambi koNdikhoyo njengoko wenjenjalo uyise uManase; ndaweni yoko wasuka walandisa ityala lakhe.

24. Ke amaphakathi ka-Amon amenzela iyelenqe, ambulalela kwakhe ebhotwe.

25. Ke bona abantu belo zwe bababulala bonke abo babenzele ukumkani uAmon iyelenqe, baza babeka unyana wakhe uJosiya wangukumkani esikhundleni sakhe.

2 Yeziganeko 33