2 Yeziganeko 33:14-17 Ibhayibhile (XHO96)

14. Emva koko ke walwakha udonga olungaphandle lwesixeko sikaDavide, kwintshona yomthombo waseGihon entilini, wada wee xhaxhe ngeSango leeNtlanzi, wayijikeleza induli yeOfeli, kananjalo ke waluphakamisa. Wamisa iingqwayi-ngqwayi zomkhosi kuzo zonke izixeko zakwaJuda ezinqatyisiweyo.

15. Wazisusa izithixo zasemzini, kunye nomfanekiso owawusendlwini kaNdikhoyo, kananjalo nawo onke amaqonga awayewakhe kwinduli yendlu kaThixo eJerusalem; xa zizonke ezo zinto wazikhuphela ngaphandle kwesixeko.

16. Waza ke walibuyisela iqonga likaNdikhoyo, kulo wenza amadini obudlelwane nawombulelo; uJuda wamyalela ukuba akhonze uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

17. Kambe ke bona abantu bathi rhoqo ukwenza amadini kwiindawo eziphakamileyo zonqulo, kodwa bewenzela uNdikhoyo uThixo wabo.

2 Yeziganeko 33