2 Yeziganeko 32:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva kwezo zenzo zentembeko zikaHezekiya elakwaJuda lahlaselwa nguSenakeribhe ukumkani waseAsiriya. Wazingqinga izixeko ezinqatyisiweyo, ezimisele ukutyhoboza azithimbele kuye.

2. UHezekiya akuqonda ukuba uSenakeribhe ugalelekile waye ezimisele ukulwa neJerusalem,

3. wathetha-thethana namaphakathi akhe, kunye namagosa omkhosi, eceba ukuvala amanzi asuka emithonjeni engaphandle kwesixeko, baza ke bavumelana naye.

4. Kwaqokelelwa iqela elikhulu labantu, baza bayivala yonke imithombo kunye nentlambo eyayinqumla kwelo lizwe. Babesithi: “Asinakubayeka ookumkani baseAsiriya beze, ze bafumane amanzi angaka.”

5. Wazabalaza ezilungisa zonke iindawo ezonakeleyo eludongeni, esakha neenqaba eziphakamileyo. Wakha nolunye udonga ngaphaya kwalo, waza walomeleza ungqameko lwesixeko sikaDavide. Kananjalo wenza nentaphane yezixhobo kunye namakhaka.

6. Abantu wabamisela amagosa omkhosi, waza wabaqokelela ebaleni lesixeko ngasesangweni, wabakhuthaza ngala mazwi, wathi:

2 Yeziganeko 32