5. Bazimisela ukuthumela isaziso kuSirayeli ewonke ukusukela eBhashebha kuye kwaDan, abantu bebamemela ukuba beze eJerusalem baze kubhiyozela iPasika kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Yayingazange yabhiyozelwa ngabantu abalinani elivakalayo njengoko kubhaliweyo.
6. Ukumkani ekunye namaphakathi akhe bathuma izigidimi zatyhutyha uSirayeli noJuda ziphethe iileta ezazifundeka ngolu hlobo:“MaSirayeli, buyelani kuNdikhoyo uThixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, ukuze naye abuyele kuni nina basaseleyo, basindileyo kwisandla sookumkani baseAsiriya!
7. Sanukufana nooyihlo nabantakwenu bona basuke abanyaniseka kuNdikhoyo uThixo wooyise, khon' ukuze abenze umzekelo wesikizi njengoko nani nibona.
8. Yahlukanani neenkani; sanukuzifanisa nooyihlo, koko zinikezeleni kuNdikhoyo. Yizani kule ndawo ingcwele, le iya kuhlala ibekelwe bucala ngonaphakade nguye. Mbuseni uNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze umsindo wakhe usuke phezu kwenu.