10. Izigidimi zazingena zonke iidolophu kwaEfrayim nakwaManase, zathi xhaxhe ngoZebhulon, kodwa ke abantu basuka baphoxisa ngazo, bahlekisa nokuhlekisa ngazo.
11. Kambe ke abanye kwa-Ashere, kwaManase, nakwaZebhulon, bazithoba baya eJerusalem.
12. KwaJuda uThixo abantu wabenza bavana, bamxhelo-mnye ekufezekiseni umyalelo kakumkani namaphakathi akhe ngokwelizwi likaNdikhoyo.
13. EJerusalem kwahlanganisana isihlwele sabantu, beze kubhiyozela iSidlo seSonka esingaNyuswanga, kwinyanga yesibini.
14. EJerusalem bawasusa amaqonga amadini kunye nalawo eziqhumiso, baya kuwaphosa kwintili yeKedron.