1. UHezekiya wathumela ilizwi kuye wonke uSirayeli noJuda, wabhala neeleta, wazithumela kwaEfrayim nakwaManase, ebamema ukuba baye endlwini *kaNdikhoyo eJerusalem, baye kubhiyozela iPasika kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
2. Ukumkani namaphakathi nebandla lonke laseJerusalem benza isigqibo sokubhiyozela iPasika kwinyanga yesibini.
3. Babengabanga nako ukuyibhiyozela ngexesha layo, kuba babenganelanga ababingeleli abazihlambululayo, nabantu babengaqokelelananga eJerusalem.
4. Eli cebo ke labonakala lilungile kukumkani nakwibandla liphela.
5. Bazimisela ukuthumela isaziso kuSirayeli ewonke ukusukela eBhashebha kuye kwaDan, abantu bebamemela ukuba beze eJerusalem baze kubhiyozela iPasika kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Yayingazange yabhiyozelwa ngabantu abalinani elivakalayo njengoko kubhaliweyo.
6. Ukumkani ekunye namaphakathi akhe bathuma izigidimi zatyhutyha uSirayeli noJuda ziphethe iileta ezazifundeka ngolu hlobo:“MaSirayeli, buyelani kuNdikhoyo uThixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, ukuze naye abuyele kuni nina basaseleyo, basindileyo kwisandla sookumkani baseAsiriya!
7. Sanukufana nooyihlo nabantakwenu bona basuke abanyaniseka kuNdikhoyo uThixo wooyise, khon' ukuze abenze umzekelo wesikizi njengoko nani nibona.