2 Yeziganeko 3:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uSolomon waqalisa ukuyakha indlu *kaNdikhoyo eJerusalem kwintaba iMoriya, apho uNdikhoyo wayebonakele khona kuyise uDavide. Kwakuloo ndawo yalungiselelwa nguDavide esandeni sokubhula sika-Aravena umJebhusi.

2. Ke ukwakha oko wakuqala ngomhla wesibini kwinyanga yesibini ngonyaka wakhe wesine engukumkani.

3. Isiseko sendlu kaThixo eyakhiwe nguSolomon sasiziimitha ezingamashumi amabini anesixhenxe ubude, siziimitha ezilithoba ububanzi.

4. Ke yona ivaranda phambili phaya yayiziimitha ezilithoba ububanzi, ukuphakama kuziimitha ezingamashumi amahlanu anane. Umphakathi lo ke wona wawutyatyekwe ngegolide.

5. Igumbi elikhulu laloo ndlu walaleka ngompayini, walityabeka ngegolide, walihombisa ngemifanekiso yamasundu nemixokelelwana.

6. Ewe, indlu kaThixo wayihombisa ngamatye axabisekileyo. Wayesebenzisa igolide yasePavayim.

7. Imiqadi, imigubasi, iindonga, neengcango, zonke wazityabeka ngegolide; ezindongeni wakrola *izithunywa ezimaphiko.

8. Walakha negumbi eliyingcwele kangcwele. Ubude balo babulingana nobubanzi bendlu iyonke, liziimitha ezilithoba ubude nobubanzi. Iindonga zalo wazityabeka ngegolide engaphezu kweetoni ezingamashumi amabini.

9. Izikhonkwane zegolide ezazisetyenziswa zazinobunzima obungamakhulu amahlanu anamashumi asixhenxe eegram. Kananjalo namagumbi aphezulu wawatyabeka kwangegolide.

11-12. Iphiko ngalinye lezo zithunywa laliziimitha ezimbini ezinekota ubude balo. Isithunywa ngasinye sasithe naa amaphiko, elinye ke iphiko lirhece udonga lwendlu leyo; kanti ke amabini amaphiko kwezo zithunywa ayerhecana.

2 Yeziganeko 3