1. UHezekiya wayeneminyaka emashumi mabini anantlanu ukungena kwakhe ebukhosini, waza walawula eJerusalem iminyaka engamashumi amabini anethoba. Unina yayinguAbhiya intombi kaZakariya.
2. Njengoyise-mkhulu uDavide naye wênza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo.
3. Ngenyanga yokuqala yonyaka wakhe wokuqala ekulawuleni, wayivula indlu kaNdikhoyo, wawahlaziya amasango ayo.
4. Ababingeleli nabaLevi wabaqokelela kwinkundla esempuma, wathetha nabo,
5. wathi: “BaLevi, ndiphulaphuleni; zihlambululeni, ze niyihlambulule nayo indlu kaNdikhoyo uThixo wooyihlo. Yisuseni yonke into enomlaza endaweni engcwele.