2 Yeziganeko 27:4-6 Ibhayibhile (XHO96)

4. Wakha iidolophu kwiinduli zelakwaJuda, ngokunjalo neenqaba neemboniselo kwimimandla yamahlathi.

5. UYotam walwa nabo ookumkani bama-Amon waboyisa. Ngaloo nyaka ke ama-Amon arhuma kuye isiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu namakhulu amane, newaka leetoni zengqolowa, kwakunye newaka leetoni zerhasi. Enjenjalo ukurhuma ke ama-Amon iminyaka yada yamithathu.

6. UYotam wakhula ngobungangamsha, kuba kaloku wayebambelele ngokupheleleyo kuNdikhoyo uThixo wakhe.

2 Yeziganeko 27