2 Yeziganeko 24:18-20 Ibhayibhile (XHO96)

18. Bayilahla indlu *kaNdikhoyo uThixo wooyise, banqula iintsika zika-Ashera nemifanekiso. Ngenxa yobutyala bawo ke ingqumbo kaThixo yaba phezu koJuda neJerusalem.

19. UNdikhoyo wathumela *abashumayeli apho ebantwini ukuze babashumayeze baguqukele kuye, kodwa abazange baguquke naxa bebakhalimela.

20. Ke uMoya kaThixo wamfikela uZakariya unyana wombingeleli uJoyada. Wema phambi kwabantu, wathi: “UThixo uthi: ‘Kungani na ukuba ningayithobeli imiyalelo kaNdikhoyo? Soze nibe nto! Ngenxa yokuba nimlahlile uNdikhoyo, naye ke unilahlile.’ ”

2 Yeziganeko 24