2 Yeziganeko 22:4-6 Ibhayibhile (XHO96)

4. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengendlu ka-Ahabhi. Kaloku akuba engasekho uyise kweza abendlu ka-Ahabhi baba ngabacebisi bakhe, nto leyo yaluphuthisayo ulawulo lwakhe.

5. Walandela icebo labo, waya emfazweni noYoram unyana ka-Ahazi ukumkani wakwaSirayeli xa wayesilwa noHazayeli ukumkani wama-Aram kwiRamoti yaseGiliyadi. Ama-Aram amngxwelerha uYoram,

6. waza ke yena waya eYizereli khon' ukuze achache kuloo manxeba wayewafumene eRamoti kwelo dabi noHazayeli ukumkani wakwa-Aram.Ke uAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaJuda wehla waya eYizereli esiya kubona uYoram unyana ka-Ahabhi njengoko wayenzakele.

2 Yeziganeko 22