2 Yeziganeko 22:10-12 Ibhayibhile (XHO96)

10. UAtaliya unina ka-Ahaziya, akubona ukuba unyana wakhe ufile, wasuka wayitshabalalisa yonke indlu yekomkhulu lakwaJuda.

11. Ke yena uYoshebha, intombi kakumkani uYehoram, wesuka weba uYowashe unyana ka-Ahaziya, wemka naye apho phakathi kweenkosana ezaziza kubulawa, wamfihla neneni yakhe kwigumbi lokulala. Kaloku uYoshebha intombi kakumkani uYehoram owayengumfazi wombingeleli uJoyada wayengudade boAhaziya; yiyo ke loo nto wasuka wamfihla umntwana lowo ukuze angabulawa nguAtaliya.

12. Wahlala ezinyelisiwe ke endlwini kaThixo iminyaka yamithandathu, xesha elo kwakusalawula uAtaliya apho kwaJuda.

2 Yeziganeko 22