2 Yeziganeko 21:7-9 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kambe ke, ngenxa yomnqophiso kaNdikhoyo nendlu kaDavide, uNdikhoyo akavumanga ukuyitshabalalisa indlu kaDavide. Kaloku wayemthembise ngelithi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.

8. Ke ngexesha likaYehoram iEdom yamvukela uJuda, yazimisela owayo ukumkani.

9. Ngoko ke uYehoram waya khona namaphakathi akhe, nazo zonke iinqwelo zakhe. Ke amaEdom amrhawula kunye nezo njengele zeenqwelo, kambe ke yena wavuka ngobusuku waphuncuka.

2 Yeziganeko 21