21. Akuba ethetha-thethene nabantu uYoshafati wamisela iimvumi zokuculela uNdikhoyo, ukuze zimbonge ngenxa yobunewu-newu bobungcwele bakhe. Zawukhokela ke umkhosi lowo, zimemelela zisithi:“Bulelani kuNdikhoyo,kuba izibele zakhe zimi ngonaphakade.”
22. Bathe bakucula bedumisa, suka uNdikhoyo wawurhwaqelisa umkhosi wama-Amon namaMowabhi, nâbo bentaba iSeyire ababehlasela uJuda; kubo yaba ngathi bangqingiwe, baza ke boyiswa.
23. Kaloku ama-Amon namaMowabhi asuka avukelana namadoda entaba iSeyire, awangenela awatshabalalisa. Akuba ewagwintile amadoda aseSeyire, ajika abulalana kwaodwa.
24. Athe ke amaJuda akufika kwindawo evelele intlango leyo, akuwujonga loo mkhosi mkhulu kunene, kuphela abona izidumbu zithe gangalala emhlabeni, kungekho nomnye osindileyo.
25. Ngoko ke uYoshafati namadoda akhe basuka bachola-chola amaxhoba: impahla eyayikwezo zidumbu, nezinye izinto ezixabisekileyo – intabalala ababengenako ukuyiphatha yonke. Amaxhoba lawo ayemaninzi kangangokuba bathatha iintsuku ezintathu ukuwaqokelela.
26. Ngosuku lwesine ke bahlanganisana kwintili yeBheraka, baza ke apho bamdumisa uNdikhoyo. Kungoko ke loo ndawo kwathiwa yintili yeBheraka unanamhlanje.
27. AbakwaJuda naseJerusalem ke bonke bakhokelwa nguYoshafati, bajika bevuya baya eJerusalem. Kaloku uNdikhoyo wabatsho banemincili bavuya phezu kweentshaba zabo.
28. EJerusalem bangena bajonga endlwini kaNdikhoyo bekhalisa iihapu, imirhubhe, namaxilongo.
29. Ithe ke yakuvakala imbali yokulwa kukaNdikhoyo neentshaba zikaSirayeli, suka zonke izizwe nezikumkani zamoyika zamhlonela uThixo.
30. Umbuso kaYoshafati ke waxhamla uxolo, kuba kaloku uThixo wakhe wayemnike ukuphumla macal' onke.
31. Ngoko ke uYoshafati wamlawula uJuda. Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mathathu anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anantlanu. Unina yayinguAzubha intombi kaShili.