6. Ewe, akukho namntu ungamakhela ndlu; kuba kaloku namazulu, nditsho amazulu asemajuku-jukwini, akanako ukumqulatha. Bendingubani ke mna, ukuba ndide ndimakhele indlu, ngaphandle nje kokuba ndakhe indawo yokutshisa amadini phambi kwakhe?
7. “Ngoko ke nceda undithumele indoda elichule ngokusebenza ngegolide nesiliva, ubhedu nentsimbi; ichule kumalaphu amsobo, amfusa, naluhlaza; nditsho ingcali yokukrola; ukuze isebenze kwaJuda naseJerusalem ikunye nezam iingcali, ezo zafunwa ngubawo uDavide.
8. “Kananjalo ndithumele izikhuni zomsedare, ipayini, nom-algumi, kuloo mahlathi aseLebhanon. Kaloku ndiyazi ukuba amadoda akho ziingcali ekugawuleni imithi apho eLebhanon. Amadoda am osebenzisana nawakho,