1. Ke kaloku uYoshafati ukumkani wakwaJuda wabuyela ebhotwe eJerusalem esindile,
2. waza ke wahlangatyezwa yimboni uYehu unyana kaHanani, wathi kukumkani: “Ngaba kulungile ukuba usize isikhohlakali, ubathande abo bamthiyileyo *uNdikhoyo? Ngenxa yesi senzo ke ingqumbo kaNdikhoyo iphezu kwakho.
3. Kambe ke kukho le ndawana ikuthethelelayo, le yokuba wazisusa iintsika zika-Ashera kweli lizwe, waza wena wazimisela ukufunana noThixo.”
4. UYoshafati wahlala eJerusalem, wabuya wahamba-hamba phakathi kwabantu, athi eseBheshebha, abe ekweleentaba zakwaEfrayim. Abantu wababuyisela *kuNdikhoyo uThixo wooyise.
5. Wamisela abagwebi kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda.
6. Wathi kubo: “Zigqaleni ngenyameko izinto enizenzayo. Kaloku ezo zigqibo nizenzayo anizenzeli abantu, koko nizenza egameni likaNdikhoyo. Yena ke uhlala enani nanini na nisiwisa isigwebo.