2 Yeziganeko 19:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uYoshafati ukumkani wakwaJuda wabuyela ebhotwe eJerusalem esindile,

2. waza ke wahlangatyezwa yimboni uYehu unyana kaHanani, wathi kukumkani: “Ngaba kulungile ukuba usize isikhohlakali, ubathande abo bamthiyileyo *uNdikhoyo? Ngenxa yesi senzo ke ingqumbo kaNdikhoyo iphezu kwakho.

3. Kambe ke kukho le ndawana ikuthethelelayo, le yokuba wazisusa iintsika zika-Ashera kweli lizwe, waza wena wazimisela ukufunana noThixo.”

4. UYoshafati wahlala eJerusalem, wabuya wahamba-hamba phakathi kwabantu, athi eseBheshebha, abe ekweleentaba zakwaEfrayim. Abantu wababuyisela *kuNdikhoyo uThixo wooyise.

5. Wamisela abagwebi kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda.

6. Wathi kubo: “Zigqaleni ngenyameko izinto enizenzayo. Kaloku ezo zigqibo nizenzayo anizenzeli abantu, koko nizenza egameni likaNdikhoyo. Yena ke uhlala enani nanini na nisiwisa isigwebo.

2 Yeziganeko 19