2 Yeziganeko 15:15-17 Ibhayibhile (XHO96)

15. Wonke uJuda wasithakazelela eso sifungo kuba wayesenze ngomxhelo wakhe wonke. UThixo bamfuna ngolangazelelo, baza ke bamfumana. Ngoko ke uNdikhoyo wabaphumza ngeenxa zonke.

16. Ukumkani uAsa wamkhiqa unina-khulu uMaka kwisikhundla sokuba yikumkanikazi; kaloku yena wayenze isikizi eliyintsika ka-Ashera. UAsa wayigawula loo ntsika wayinqunqa, waza wayitshisa kwintili yeKedron.

17. Nangona engazitshitshisanga iindawo eziphakamileyo zonqulo kwaSirayeli, noko uAsa wayenqula uNdikhoyo ngomxhelo wakhe wonke bonke ubomi bakhe.

2 Yeziganeko 15