15. Wonke uJuda wasithakazelela eso sifungo kuba wayesenze ngomxhelo wakhe wonke. UThixo bamfuna ngolangazelelo, baza ke bamfumana. Ngoko ke uNdikhoyo wabaphumza ngeenxa zonke.
16. Ukumkani uAsa wamkhiqa unina-khulu uMaka kwisikhundla sokuba yikumkanikazi; kaloku yena wayenze isikizi eliyintsika ka-Ashera. UAsa wayigawula loo ntsika wayinqunqa, waza wayitshisa kwintili yeKedron.
17. Nangona engazitshitshisanga iindawo eziphakamileyo zonqulo kwaSirayeli, noko uAsa wayenqula uNdikhoyo ngomxhelo wakhe wonke bonke ubomi bakhe.