2 Yeziganeko 15:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uMoya kaThixo wafikela uAzariya unyana kaOdede,

2. waza wanduluka waya kuAsa, wafika wathi kuye: “Khanindiphulaphule, Asa, nani nonke maJuda namaBhenjamin! Niyabona, *uNdikhoyo uba nani xa nani ningakuye. Xa nizondelela ukumfuna nomfumana; kodwa ke xa nithe namshiya, naye wonishiya.

3. Yaba lithuba elide amaSirayeli engenaye uThixo wokwenene, engenaye nambingeleli wakufundisa; ewe, engenawo namthetho.

4. Kuloo nkxwaleko ke abuyela kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli, amfuna, aza amfumana.

5. Ngaloo mihla kwakungumngcipheko ukuhamba-hamba, kuba kaloku abemi belizwe babephithizela.

6. Isizwe sasitshatyalaliswa sesinye, isixeko sibhuqwa sesinye, kuba uThixo wayebaphithizelisa ngeendidi zonke zeenkxwaleko.

7. Kambe ke nina yomelelani ninganikezeli, kuba umsebenzi wenu woba nomvuzo.”

8. Suka ke uAsa wakhuthazeka akuyiva intshumayelo yomshumayeli unyana kaOdede. Wayitshitshisa imifanekiso engamasikizi kuwo wonke umhlaba wakwaJuda nowakwaBhenjamin, nakwiidolophu awazithimba kweleentaba lakwaEfrayim. Walilungisa iqonga likaNdikhoyo elaliphambi kwevaranda yendlu kaNdikhoyo.

2 Yeziganeko 15