7. Wathetha noJuda wathi: “Masizomeleze ezi dolophu, sizibiyele zibe neenqaba namasango nemivalo. Lo mhlaba ngowethu, kuba simfunile uNdikhoyo uThixo wethu; ewe, simzondelele ukumfuna, waza ke wasinika ukuphumla macal' onke.” Ngoko ke bakha, baza banenkqubela.
8. UAsa lo ke wayenomkhosi ongamawaka angamakhulu amathathu amadoda akwaJuda axhoba ngemikhonto namakhaka amakhulu; awakwaBhenjamin wona angamawaka angamakhulu amabini anamashumi asibhozo, iinto ezixhoba ngeentolo namakhaka amancinci; onke ke lawo ingoompondo-zihlanjiwe kwezemfazwe.
9. UmKushe onguZera wabahlasela enomkhosi ongamawaka-waka, enamakhulu amathathu eenqwelo. Wahamba ke wema ngeMaresha.
10. UAsa waphuma wamhlangabeza, baza ke bamisa amahlelo abo okulwa kwintili yaseZefata ngaseMaresha.
11. UAsa ke wabiza kuNdikhoyo uThixo wakhe, wathi: “Ndikhoyo, akekho onjengawe omncedayo ongenamandla angabhuqwa ngonamandla. Ngoko ke sincede, Ndikhoyo, Thixo wethu. Kaloku thina sithembele ngawe; naku ke ngoku egameni lakho sijongene nalo mkhosi ungaka. Ndikhoyo, unguThixo wethu; musa ukuvumela umntu amelane nawe.”
12. UNdikhoyo ke wawabetha amaKushe lawo, oyiswa nguAsa noJuda. AmaKushe abaleka,