2. UAsa yena wênza okulungileyo emehlweni kaNdikhoyo uThixo wakhe.
3. Wazitshabalalisa iindawo eziphakamileyo zonqulo ndawonye namaqonga asemzini; wawacumza amatye anqulwayo, wazigawula iintsika zika-Ashera.
4. UJuda wamyalela ukuba alandele uNdikhoyo uThixo wooyise, ayithobele imithetho nemiyalelo yakhe.
5. Wazitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo namaqonga eziqhumiso kuzo zonke iidolophu zakwaJuda, laza ke ilizwe laxhamla inzolo ngexesha lakhe.