1. Mayela nokubuya kweNkosi yethu uYesu Krestu, nokuhlangana kwethu nayo: ndiyanibongoza,
2. musani ukuthatheka msinya, okanye nidideke lula ngamarhe athi iMini yeNkosi isemnyango; noba kukho mntu uthi uyixelelwe ezulwini loo nto, okanye uyixelelwe ngomnye umntu, kanti noba ningade nifumane ileta engathi ivela kum isitsho, lumkani.