5. Andizange ndaba nakuphumla konke-konke, naxa sendifikile eMakedoni. Kwakuziingxabano apho, ngapha nangapha; ndabe ke mna ndinxunguphele.
6. Kodwa, uThixo obomelezayo abadakumbileyo, wandivuselela ngokufika kukaTito.
7. Akubanga kukufika kwakhe nje kodwa, koko nengxelo yakhe ngokumphatha kakuhle kwenu nimkhuthaza, nayo yandivuselela. Wandixelela nokuba anisanqweni ngako ukundibona, nokuba nilusizi, nifuna nokundilwela. Ndonwabe ngakumbi ke ngaloo nto.
8. Xa ndinixelela inyaniso, nokokuba laa ncwadi ndanibhalela yona yanenza buhlungu, andisevi kakubi mna yiloo nto ngoku. Kaloku ndiphawule ukuba naba buhlungu yiyo, nokuba kokwexeshana nje.