4. Ndinithembe gqitha, yaye ndinebhongo ngani, kangangokuba kubo bonke ubunzima endinabo ndisuka ndizive ndisomelezeka, ndiphuphuma luvuyo.
5. Andizange ndaba nakuphumla konke-konke, naxa sendifikile eMakedoni. Kwakuziingxabano apho, ngapha nangapha; ndabe ke mna ndinxunguphele.
6. Kodwa, uThixo obomelezayo abadakumbileyo, wandivuselela ngokufika kukaTito.
7. Akubanga kukufika kwakhe nje kodwa, koko nengxelo yakhe ngokumphatha kakuhle kwenu nimkhuthaza, nayo yandivuselela. Wandixelela nokuba anisanqweni ngako ukundibona, nokuba nilusizi, nifuna nokundilwela. Ndonwabe ngakumbi ke ngaloo nto.