1. Ngaba ndiyawazincoma? Ngaba nam ndikwanjengabantu abathile, ndifuna iincwadi zokuzazisa ezivela okanye eziya kuni?
2. Hayi bo! Incwadi yam nini, ibhalwe ezintliziyweni zethu, futhi iyaziwa ifundwa ngumntu wonke.
3. Ngokucacileyo niyincwadi kaKrestu evele ngokusebenza kwam kuni. Ayibhalwanga ngeinki, koko ibhalwe ngoMoya kaThixo ophilayo; ayikrolwanga kumacwecwe elitye, koko ibhalwe kumacwecwe entliziyo.
4. Le nto ndiyithetha kuba ndithembele ngokupheleleyo kuThixo ngenxa kaKrestu.
5. Le nto ayithethi kuthi ndinako ukuwenza ngokwam lo msebenzi. Amandla endinawo avela kuThixo.
6. Ikwanguye ondenze ndaba nako ukukhonza phantsi komnqophiso omtsha, ongaxhomekekanga kumthetho obhaliweyo, koko uxhomekeke kuMoya. Wona umthetho obhaliweyo uyabulala, kodwa yena uMoya uyaphilisa.