11. Masingavumi ukuqhathwa nguSathana. Siwazi kakuhle kaloku amaqhinga akhe.
12. Ndakuba ndiseTrowa ngodaba lokuhambisa iindaba ezimnandi ezingoKrestu, ndafika apho iNkosi indenzele ithuba elihle lokusebenza.
13. Kodwa andizange ndonwabe emphefumlweni ngenxa yokungamfumani apho uTito uwethu. Ndasuka ke ndacela indlela kubantu balapho, ndemka ndaya eMakedoni.
14. Kodwa, makabongwe uThixo! Kuba simanywe noKrestu nje, yena usoloko esikhokela kumngcelele woloyiso lwakhe. UThixo usebenzisa thina, ukuze kunwenwe ukumazi uKrestu, kugqibe yonke indawo, njengevumba elimnandi.
15. Sinjengesiqhumiso thina esinevumba elimnandi, uKrestu asiqhumisela uThixo, ukuze sinwenwe phakathi kwabasindiswayo nĂ¢bo baya kwantshabalalo.