2 Kutimoti 4:4-10 Ibhayibhile (XHO96)

4. Baya kuyifulathela inyaniso, baphulaphule iintsomi.

5. Kodwa ke wena zola; ngamaxesha onke hlala ugcisile. Khalipha xa kunzima. Iindaba ezimnandi zihambise, uzenze zonke iimfanelo zobizo lwakho.

6. Okokwam ke mna, ubomi bam sebuphalazwa njengedini; nexesha lam lokunduluka selisongekile.

7. Ndizabalazile elugqatsweni olukhulu; ngoku ndifikile entanjeni; ke lona ukholo ndilugcinile.

8. Ngoku ke sendilindelwe yimbasa, isithsaba esibonakalisa ubulungisa, eya kundithwesa sona ngaloo Mini inkulu iNkosi, uMgwebi ogweba engenaxanasi. Phofu ke asindim ndedwa olindelwe seso sithsaba, koko ngabo bonke abayithandayo iNkosi eza kufika.

9. Zama kangangoko unako ukuba uze kundibona ngokukhawuleza.

10. Kaloku uDemas undibalekile, waya eTesalonika ngenxa yokuthanda izinto zeli lizwe. UKreske yena useGalati, yena uTito useDalmati.

2 Kutimoti 4