2 Kutimoti 3:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. Baya kulwamkela unqulo ngembonakalo, kodwa bewaphika amandla alo. Ke wena uze ungahambi nabantu abanjalo.

6. Abanye babo bahamba bechwechwela imizi, bexhaphaza abafazi abangenazimilo, ababotshwe zizono zabo, beluthuzeliswa ziinkanuko.

7. Aba ke bahlala befunda, kodwa abaze bafikelele ekuyazini inyaniso.

8. Abantu abanje bayayichasa inyaniso kwanjengokuba uJanes noJambres bamchasayo uMosis. Aba bantu abakwazi ukuqiqa, futhi ukholo lwabo luphuthile.

2 Kutimoti 3