2 Kutimoti 3:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kucace mhlophe ukuba imihla yokugqibela iya kuba ngamaxesha anzima.

2. Abantu baya kuba ngabathandi beziqu zabo, bathande imali, bezigwagwisa, bengoozwi-labo. Baya kunyelisa, bangathobeli bazali, bengabuleli, beluchasa unqulo,

3. bengenabuntu, bengaxoleli mntu, behleba. Baya kuba nengcwangu, beziindlobongela, bayithiye into elungileyo.

4. Baya kuba ngabangcatshi, bafane benze, benekratshi. Baya kuthanda iziyolo kunoThixo.

2 Kutimoti 3