8. Khumbula ukuba uYesu Krestu wavuswa ekufeni, engumzukulwana kaDavide, njengoko nditshoyo xa ndishumayela iindaba ezimnandi.
9. Nditsala nzima ngenxa yokuzivakalisa. Sendide ndavalelwa entolongweni ngathi ndisisaphula-mthetho. Kodwa lona ilizwi likaThixo alivalelekanga.
10. Yonke loo nto ndiyinyamezele ngenxa yabanyulwa bakaThixo, ndinale njongo yokuba nabo balufumane usindiso newonga elingonaphakade ngokumanywa noKrestu Yesu.