2 Kutimoti 2:13-20 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ukuba asinyaniseki, uhlala enyanisekile yena,kuba kaloku akanakuzikhanyela yena siqu.”

14. Hlala ubakhumbuza abantu, ubalumkise phambi koThixo, bangenzi zingxoxo zixabanisayo, kuba azakhi, koko ziyabenzakalisa abaphulaphuli.

15. Zama kangangoko unako ukuba ukholeke kuThixo, ube ngumntu ongenadyudyu ngomsebenzi wakhe, uyifundisa ngokufanelekileyo inyaniso.

16. Sukungena kwiincoko ezilambathayo zeli phakade, kuba abo bangena kuzo baya bechasela kuThixo.

17. Ngokunjalo nemfundiso yabo inwenwa okwesilonda esibhidlayo. Banjalo ooHimeniyo noFileto.

18. Bayiphosile inyaniso, futhi bawawisile amanye amakholwa, besithi uvuko lwabafileyo selufikile.

19. Kodwa sona isiseko esimiswe nguThixo asigungqi, sinombhalo othi: “INkosi iyabazi abayo,” kwanothi: “Wonke umntu olibizayo igama leNkosi makahlukane nesono.”

20. Uyabona ke, endlwini enkulu kubakho iindidi ngeendidi zezitya: ezinye zezegolide, ezinye zezesiliva, zimbi zezomthi, ezinye zezodongwe; ezinye zazo zixabisekile, kanti ke ezinye azixabisekanga.

2 Kutimoti 2