13. Ukuba asinyaniseki, uhlala enyanisekile yena,kuba kaloku akanakuzikhanyela yena siqu.”
14. Hlala ubakhumbuza abantu, ubalumkise phambi koThixo, bangenzi zingxoxo zixabanisayo, kuba azakhi, koko ziyabenzakalisa abaphulaphuli.
15. Zama kangangoko unako ukuba ukholeke kuThixo, ube ngumntu ongenadyudyu ngomsebenzi wakhe, uyifundisa ngokufanelekileyo inyaniso.
16. Sukungena kwiincoko ezilambathayo zeli phakade, kuba abo bangena kuzo baya bechasela kuThixo.