2 Kutimoti 2:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke ngoko, nyana wam, yomelela ngenxa yesisa sikaThixo esisifumana ngokumanywa noKrestu Yesu.

2. Wayiva phambi kwamangqina amaninzi imfundiso yam. Loo mfundiso ke yinike amadoda onokuwathemba, ibe ngamadoda anako ukuyifundisa abanye.

3. Yiba nenxaxheba nawe ezinzingweni njengejoni elithembekileyo likaKrestu Yesu.

4. Ijoni elisemsini alizixakekisi ngezinto zentlalo yemihla-ngemihla. Kufuneka libe soloko lilinde ukuyalelwa ngumphathi walo.

5. Kwakhona imbaleki ayinako ukuthiwa jize ngembasa ingayithobeli imigaqo.

6. Umlimi osebenza nzima ufanelwe sisahlulo sokuqala esivunweni.

2 Kutimoti 2