2 Kutimoti 1:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ngoko ke sukuba nazintloni ukungqinela iNkosi, nangam mna mbanjwa wayo. Ndaweni yaloo nto yiba nenxaxheba ezimbandezelweni ezihamba nodaba lukaKrestu, usomelezwa nguThixo.

9. Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo.

10. Ngoku ke butyhilekile kuthi ngokufika koMsindisi wethu uKrestu Yesu. Kaloku yena uwaphul' iimpondo amandla okufa, waza waveza ubomi nokungabhubhi ngeendaba ezimnandi.

11. UThixo wandimisela ukuba ndibe ngumbhengezi weendaba ezimnandi, *umthunywa, nomfundisi.

12. Yiyo le nto ndinyamezele le meko nje. Kanti ke andoyiki nto ngaloo nto, kuba ndiyamazi kaloku endimthembileyo. Ndimthembile kuba unako kaloku ukuyilondoloza loo nto andigcinise yona, kude kufike loo Mini yakhe.

13. Ke hlala ugcine umzekelo wemfundiso yenene owayiva ngam, uhlale unokholo nothando, izinto esinazo ngokumanywa noKrestu Yesu.

2 Kutimoti 1