2 Kutimoti 1:10-18 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ngoku ke butyhilekile kuthi ngokufika koMsindisi wethu uKrestu Yesu. Kaloku yena uwaphul' iimpondo amandla okufa, waza waveza ubomi nokungabhubhi ngeendaba ezimnandi.

11. UThixo wandimisela ukuba ndibe ngumbhengezi weendaba ezimnandi, *umthunywa, nomfundisi.

12. Yiyo le nto ndinyamezele le meko nje. Kanti ke andoyiki nto ngaloo nto, kuba ndiyamazi kaloku endimthembileyo. Ndimthembile kuba unako kaloku ukuyilondoloza loo nto andigcinise yona, kude kufike loo Mini yakhe.

13. Ke hlala ugcine umzekelo wemfundiso yenene owayiva ngam, uhlale unokholo nothando, izinto esinazo ngokumanywa noKrestu Yesu.

14. Yilondoloze kakuhle loo nto siyiphathisiweyo, uncedwa nguMoya oyiNgcwele ohleli kuthi.

15. Uyazi ukuba kwiphondo laseAsiya ndishiywe ngumntu wonke! Kumke nkqu noFilego noHermogene!

16. Kodwa usapho lwakwaOnesiforo lona uThixo unga angalenzela inceba. Kaloku yena wandinceda kaninzi-ninzi xa ndandineengxaki. Zange yena abe nazintloni ngokundihambela entolongweni.

17. Wathi efika nje eRoma, wandifuna wada wandifumana.

18. Wanga angenzelwa inceba ngaloo Mini yeNkosi! Ndiyayicela loo nto eNkosini! Izinto awayendenzela zona e-Efese zaziwa nguwe ngaphezu kokuba ndingakuxelelayo mna.

2 Kutimoti 1