2 Kutimoti 1:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kubhala mna Pawulos *umthunywa kaYesu Krestu ngokuthanda kukaThixo, owandithuma ukuba ndishumayele isithembiso sobomi, esinabo ngokumanywa noKrestu Yesu.

2. Ndibhalela unyana wam endimthandayo uTimoti. Ndithi: Kuwe makube sisisa, inceba, noxolo oluvela kuThixo uYise noYesu Krestu iNkosi yethu.

3. Ndiyambulela uThixo endimnqula ngokunyaniseka njengookhokho bam. Ubusuku nemini ndisoloko ndikukhankanya emithandazweni yam.

4. Ndithi ndakukhumbula ukulila kwakho ndinqwenele ngakumbi ukukubona, ukuze luzaliseke uvuyo lwam.

5. Ndicinga ukunyaniseka kokholo lwakho, olufana nolukanyokokhulu uLoyisi, ngokunjalo nonyoko uYunike. Andithandabuzi ukuba ukwanjalo nawe.

6. Ngenxa yeso sizathu ndiyakukhumbuza ukuba usivuselele eso sipho wasinikwa nguThixo ukukubeka kwam izandla.

7. Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.

8. Ngoko ke sukuba nazintloni ukungqinela iNkosi, nangam mna mbanjwa wayo. Ndaweni yaloo nto yiba nenxaxheba ezimbandezelweni ezihamba nodaba lukaKrestu, usomelezwa nguThixo.

2 Kutimoti 1