32. Wangcwatyelwa eHebron uAbhinere. Ukumkani walila ezimathontsi apho engcwabeni lika-Abhinere, batsho bonke abantu balila nabo.
33. Kuloo mngcwabo ka-Abhinere ukumkani uDavide wavuma ingoma yesililo ethi:“Yini na ukuwa njengesidenge, Abhinere?
34. Izandla zakho bezingabotshwanga;iinyawo zakho bezingaqanyangelwanga.Kum ingathi uwiswe bubugwinta bamatshijolo.”Baqala emva ukugixa abantu.
35. Bonke abantu babemcenga yonke loo mini uDavide, ukuba kubekho into ayityayo, kodwa uDavide wafunga esithi: “Makandohlwaye uThixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba ndithe, lingekatshoni ilanga, ndangcamla isonka nokuba yiyiphi na enye into etyiwayo.”