21. UAbhinere wathi kuDavide: “Sendikulungele ukuwagayela ngakwicala lakho onke amaSirayeli, mhlekazi, khon' ukuze uvumelane nawo, ube ngukumkani wawo, ulawule phezu kwako konke obe ukade ukunqwenela.” UDavide ke wamndulula uAbhinere, wahamba ngoxolo.
22. Emva koko kwafika amadoda kaDavide, ehamba noJowabhi, evela kunqoloba, eze namaxhoba amaninzi. Wayeselemkile eHebron uAbhinere emva kokundululwa kwakhe ngoxolo nguDavide.
23. Akufika uJowabhi, kunye nomkhosi awayehamba nawo, waxelelwa kwathiwa: “UAbhinere ebeze kubona ukumkani, yaye ukumkani umndulule ngoxolo.”