15. UIshbhoshete wathi makaye kulandwa uMikali kwaPaltiyeli unyana kaLayishe, umyeni wakhe wesibini.
16. Suka uPaltiyeli walandela umfazi, ehamba elila njalo ukuya kutsho eBhawurim. Wathi kuye uAbhinere: “Jika! Uya phi?” Wajika wagoduka uPaltiyeli.
17. Ke kaloku uAbhinere wabhekisa kumadoda amakhulu akwaSirayeli, wathi: “Kudala ninqwenela ukulawulwa nguDavide.
18. Nali ke ngoku elo thuba. Ze nikhumbule ukuba nguNdikhoyo owathi kuDavide: ‘Sisicaka sam uDavide endiya kukhulula abantu bam amaSirayeli ngaso kumaFilistiya nakuzo zonke iintshaba zabo.’ ”
19. Waya nakwaBhenjamin uAbhinere, wawubhekisa nakubo lo mlomo. Usuke apho waya kuDavide eHebron, wamchazela ngeembono zabantu bakwaBhenjamin nabakwaSirayeli.