32. NguNdikhoyo yedwa uThixo;nguye kuphela osikhuselayo;
33. ewe, nguThixo oyinqaba yam;nguye oyenza iphumelele indlela yam.
34. Undicondobisa kuhle njengenxala,andichankcathise emaweni ndingatyibiliki.
35. Undiqhelisa ukulwa edabini,andifundise ukugoba isaphetha esomeleleyo.
36. Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa;undibonelele ndatsho ndazimaseka.
37. Undimise endaweni ephangaleleyo;azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.
38. Ndizisukela ndizoyise iintshaba zam;andijiki ndide ndizitshabalalise.
39. Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,ziqungquluze apha phambi kwam.
40. Undinika amandla edabini,undoyisele iintshaba zam.
41. Ziyandoyika iintshaba zam;abandithiyileyo ndibatshabalalisile.
42. Ziba ngafuna uncedo zingancedwa bani;ziba ngazibika kuNdikhoyo angaphenduli.
43. Mna ndizicumza zibe njengothuli,ndizinyhashe okodaka endleleni.
44. Wena wandihlangula ekuvukelweni ngamawethu,walimisa igunya lam elizweni,ndada ndaphatha nabo bendingabazi.
45. Ndikhahlelwa nangabasemzini abantu;bayandithobela bakuwuva umthetho wam.
46. Baphuma kwiinqaba zabo begubha,bephelelwe sisibindi xa bebonke.
47. Huntshuu! Khul' ud' ukhokhobe, Ndikhoyo!Mawubongwe wena mkhuseli wam,Thixo ongumhlanguli wam!