2 Kasamweli 22:30-45 Ibhayibhile (XHO96)

30. Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.

31. Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

32. NguNdikhoyo yedwa uThixo;nguye kuphela osikhuselayo;

33. ewe, nguThixo oyinqaba yam;nguye oyenza iphumelele indlela yam.

34. Undicondobisa kuhle njengenxala,andichankcathise emaweni ndingatyibiliki.

35. Undiqhelisa ukulwa edabini,andifundise ukugoba isaphetha esomeleleyo.

36. Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa;undibonelele ndatsho ndazimaseka.

37. Undimise endaweni ephangaleleyo;azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.

38. Ndizisukela ndizoyise iintshaba zam;andijiki ndide ndizitshabalalise.

39. Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,ziqungquluze apha phambi kwam.

40. Undinika amandla edabini,undoyisele iintshaba zam.

41. Ziyandoyika iintshaba zam;abandithiyileyo ndibatshabalalisile.

42. Ziba ngafuna uncedo zingancedwa bani;ziba ngazibika kuNdikhoyo angaphenduli.

43. Mna ndizicumza zibe njengothuli,ndizinyhashe okodaka endleleni.

44. Wena wandihlangula ekuvukelweni ngamawethu,walimisa igunya lam elizweni,ndada ndaphatha nabo bendingabazi.

45. Ndikhahlelwa nangabasemzini abantu;bayandithobela bakuwuva umthetho wam.

2 Kasamweli 22