2 Kasamweli 22:19-27 Ibhayibhile (XHO96)

19. Bandihlasela ndisengxingweni,wandikhusela yena uNdikhoyo.

20. Wandihlangula ndisengozini,wandisindisa kuba ekholisekile ndim.

21. Wandivuza uNdikhoyo kuba ndandilungisa;wandithamsanqela kuba ndimsulwa.

22. Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;andimfulathelanga uThixo wam.

23. Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;andayaphula imithetho yakhe.

24. Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.

25. Ngoko ke uyandivuza kuba ndisenza okulungileyo;uyandivuza kuba akukho sikhwa kum.

26. Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.

27. Umsulwa kwabo bamsulwa;uchasene nabo bangamatshijolo.

2 Kasamweli 22