2 Kasamweli 22:15-26 Ibhayibhile (XHO96)

15. Wadubula ngeentolo zakhe,zee qhu saa iintshaba,eziswantsulisa ngokugqekreza kwemibane.

16. Watsho zoma qoko iilwandle,kwatsho kwavela nezisekelo zelizwe,akukhalima yena uNdikhoyo,egragramela iintshaba enomsindo.

17. Wehla, wandithi hlasi uNdikhoyo,wandihlangula kumanzi enzonzobila.

18. Wandihlangula kwiintshaba zamnakwabo bandichasayo, bendivuyelela.

19. Bandihlasela ndisengxingweni,wandikhusela yena uNdikhoyo.

20. Wandihlangula ndisengozini,wandisindisa kuba ekholisekile ndim.

21. Wandivuza uNdikhoyo kuba ndandilungisa;wandithamsanqela kuba ndimsulwa.

22. Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;andimfulathelanga uThixo wam.

23. Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;andayaphula imithetho yakhe.

24. Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.

25. Ngoko ke uyandivuza kuba ndisenza okulungileyo;uyandivuza kuba akukho sikhwa kum.

26. Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.

2 Kasamweli 22