3. waza wathi kuwo: “Ngaba nifuna ndinenzele ntoni? Ndinganixolisa njani ukuze nilithamsanqelise ilifa likaNdikhoyo?”
4. Athi ukuphendula amaGibheyon: “Imbambano yethu noSawule nomzi wakhe ayinakuze ilungiswe ngegolide nesiliva, yaye asizimiselanga ukukhupha isixhiba ngokubulala namnye umSirayeli.”Yena wathi: “Ke nifuna ndinenzele ntoni?”
5. Athi kukumkani: “Indoda eyasitshabalalisayo, iceba ukusicima igama kwimida yakwaSirayeli,
6. masinikwe amadoda abe sixhenxe kwinzala yayo, aye kuxhonywa phambi koNdikhoyo eGibheya, isixeko sikaSawule ukumkani owatyunjwa nguNdikhoyo.”Ukumkani wathi: “Kulungile, ndiza kunikhululela.”
7. UDavide wamsindisa uMefibhoshete, unyana kaJonatan unyana kaSawule, ngenxa yesifungo awasenza kunye noJonatan phambi koNdikhoyo.