1. Kwabakho indlala enkulu eyathatha iminyaka emithathu ngexesha kulawula uDavide. UDavide wafuna ukuqonda *kuNdikhoyo, waza uNdikhoyo wathi: “Kungenxa kaSawule nokuphalaza kwendlu yakhe igazi mhla wababulalayo abantu baseGibheyon.”
2. Abantu baseGibheyon bebengengawo amaSirayeli. Babeliqaqobana lama-Amori awathenjiswa ukukhuselwa ngamaSirayeli, kodwa uSawule walinga ukuwatshabalalisa, kuba etshiseka ngenxa yenkqubela yamaSirayeli namaJuda. UDavide ke wawabiza amaGibheyon,
3. waza wathi kuwo: “Ngaba nifuna ndinenzele ntoni? Ndinganixolisa njani ukuze nilithamsanqelise ilifa likaNdikhoyo?”