2 Kasamweli 19:40-43 Ibhayibhile (XHO96)

40. Uthe akuwela ukumkani ekhatshwa ngawo onke amadoda akwaJuda nenxalenye yamadoda akwaSirayeli, waya eGiligali. Wayelapho noKimam.

41. Emva koko amaSirayeli onke aya kukumkani, afika athi: “Mhlekazi, ngaba abantakwethu abaya bakwaJuda babuthathe phi ubuganga bokukuthatha eJordan nomzi wakho uphela?”

42. Onke amadoda akwaJuda awaphendula awakwaSirayeli athi: “Loo nto siyenze ngenxa yokuba nathi sibanye nokumkani. Yintoni ke ekhathazayo kuloo nto, engasihlawuleli nakutya nje, kungekho nanto asenzele yona?”

43. Aphendula amadoda akwaSirayeli athi kumadoda akwaJuda: “Sinebango eliphindwe kalishumi kunani kukumkani. Ke ngoko sinelungelo kuye kunani. Ngani ke ukuba nisidele? Sanukulibala ukuba sithi kaloku esathetha kuqala ngokulandwa kukakumkani.”Amadoda akwaJuda ayegadlela wona kunamaSirayeli ekwenzeni elawo ibango ngokumkani.

2 Kasamweli 19